7 Khumbula, musa ukulibala ukumqumbisa kwakho uYehova, uThixo wakho, entlango; kususela kwimini owaphumayo ezweni laseYiputa, wada wangena kule ndawo, naba neenkani kuYehova.
8 NaseHorebhe namqumbisa uYehova, wanifuthela UYehova ukuba anitshabalalise.
9 Oko ndandinyuke ndaya entabeni ukuya kuthabatha amacwecwe amatye, amacwecwe omnqophiso abewenza uYehova nani, ndahlala iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané entabeni, ndingadli sonka, ndingaseli manzi.
10 Wandinika uYehova amacwecwe amabini amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo, kubhalwe kuwo ngokwamazwi onke abewathethile uYehova nani entabeni, phakathi komlilo ngomhla wesikhungu.
11 Kwathi, ekupheleni kweemini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, uYehova wandinika amacwecwe amabini amatye, amacwecwe omnqophiso.
12 Wathi uYehova kum, Suka uhle apha kamsinya; ngokuba bonákalisile abantu bakho obakhuphileyo eYiputa; batyeka kamsinya endleleni leyo ndibawisele umthetho ngayo, bazenzela umfanekiso otyhidiweyo.
13 Wathi uYehova kum, Ndibabonile aba bantu; yabona, ngabantu abantamo ilukhuni;