10 Nize ningasalisi ndawo yalo kude kusé; okuseleyo kulo kwada kwasa nòkutshisa ngomlilo.
11 Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika* kuYehova.
12 Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova.
13 Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.
14 Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade.
15 Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku kwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.
16 Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.