2 Ndíngcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
3 Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphumé ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungàdliwa nto inegwele.
4 Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
5 Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
6 nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
7 izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungàbonwa kuwe nto inegwele, kungàbonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
8 Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;