5 Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzéle ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?
6 Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye.
7 Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela.
8 UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo.
9 AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.
10 Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
11 Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?