16 Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere* ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
17 Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
18 Balinganisela ngehomere; akagqithisa obúthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
19 Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
20 Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
21 Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
22 Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.