21 Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
22 Wathi uYehova kuMoses, Wòtsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethé nani ndisemazulwini.
23 Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.
24 Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.
25 Ke ukuba ùthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, wòba usihlambele.
26 Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuzé bakho kuso.