10 Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Àndindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.
11 Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeké umlomo emntwini? Ngubani na owenzé isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?
12 Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
13 Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.
14 Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wókubona, avuye entliziyweni yakhe.
15 Wòthetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.
16 Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.