6 Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;
7 ndinithàbathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;
8 ndiningènise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
9 Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
10 Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
11 Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.
12 UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wòthini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?