28 Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.
29 UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
30 Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
31 Yabhuqwa iflakisi* nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
32 Ke yona ingqolowa nespelete* ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.
33 Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
34 Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wóna, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.