2 Wathi uYehova kuMoses, Thetha kuAron umkhuluwa wakho, angangeni ngamaxesha onke engcweleni ngaphaya komkhusane, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwetyeya, ukuze angafi; kuba ndiya kubonakala efini phezu kwesihlalo sokucamagusha.
3 Wongena uAron engcweleni enezi zinto: enenkunzi entsha, elithole lenkomo, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu, ibe lidini elinyukayo.
4 Uya kwambatha ingubo engcwele yangaphantsi yelinen emhlophe, ibekho nebhulukhwe yelinen emhlophe emzimbeni wakhe, abhinqiswe ngombhinqo welinen emhlophe, ajikele unkontsho lwelinen emhlophe: ziingubo ezingcwele ezo. Wowuhlamba umzimba wakhe emanzini, azinxibe ke.
5 Wothabatha ebandleni loonyana bakaSirayeli iinkunzi zeebhokhwe ezixhonti zibe mbini, zibe lidini lesono, nenkunzi yemvu enye ibe lidini elinyukayo.
6 Woyisondeza uAron inkunzi entsha yenkomo yedini lesono elilelakhe, azicamagushele okwakhe nokwendlu yakhe.
7 Wozithabatha iinkunzi zeebhokhwe zombini, azimise phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana;
8 enze amaqashiso uAron phezu kweenkunzi zeebhokhwe zombini: elinye iqashiso libe lelika Yehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele.*