8 Uze umngcwalise ke; kuba esondeza ukudla koThixo wakho; wóba ngcwele kuwe, ngokuba ndingcwele, mna Yehova uningcwalisayo.
9 Intombi yendoda engumbingeleli, xa ithe yazihlambela ngokuhenyuza, ihlambela uyise; yotshiswa ngomlilo.
10 Umbingeleli omkhulu phakathi kwabazalwana bakhe, obegalelwe ioli yokuthambisa entloko, omiselweyo ukuze azambathe izambatho, makangaziyeki ziyakazele iinwele zakhe, angazikrazuli iingubo zakhe;
11 angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.
12 Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.
13 Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.
14 Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;