11 Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe.
12 Intombi yombingeleli, xa ithe yendela kwindoda engeyeyakuni, yona mayingadli emrhumeni weento ezingcwele.
13 Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokúdla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.
14 Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele.
15 Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova,
16 babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
17 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,