14 Ize ningadli sonka, nakhweba, nangqolowa intsha, ide ibe yinkqu yayo loo mini, nizisa ngayo umsondezo kaThixo wenu: ngummiselo ongunaphakde ezizukulwaneni zenu, emakhayeni enu onke.
15 Ize nizibalele iisabatha ezisixhenxe ezigqibeleleyo, nithabathela kwingomso emva kwesabatha, ngomhla wokuzisa kwenu isinde lokutshangatshangisa,
16 kude kube lingomso emva kwesabatha yesixhenxe; nobala imihla emashumi mahlanu, nisondeze umnikelo wokudla omtsha kuYehova.
17 Emakhayeni enu ize nirhole nizise izonka zokutshangatshangisa zibe zibini, zezahlulo ezibini zesishumi zomgubo ocoliweyo, zosiwe zinegwele, zibe ziintlahela kuYehova.
18 Ndawonye nezonka ezo ize nisondeze iimvana ezigqibeleleyo ezisixhenxe, ezimnyaka mnye, nenkunzi entsha, ithole lenkomo, ibe nye, neenkunzi zezimvu zibe mbini, zibe lidini elinyukayo kuYehova, neminikelo yazo yokudla, neminikelo yazo ethululwayo; kukudla kwasemlilweni, kwevumba elithozamisayo kuYehova.
19 Ize ninikele inkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono, neemvana ezimbini ezimnyaka mnye zibe ngumbingelelo woxolo.
20 Wozitshangatshangisa umbingeleli ezo zinto, ndawonye nezonka eziziintlahlela, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ndawonye neemvana ezimbini; zibe ngcwele kuYehova ngenxa yombingeleli.