34 Liya kwandula ukwaneliswa ziisabatha zalo ilizwe, yonke imihla ekusenkangala ngayo, nina ke nísezweni leentshaba zenu. Liya kwandula ukuphumla ilizwe, laneliswe ziisabatha zalo.
35 Yonke imihla ekusenkangala ngayo lophumla; oko lingakuphumlanga ngeesabatha zenu ekulihlaleni kwenu.
36 Abaseleyo kuni, ndongenisa inyungu ezintliziyweni zabo emazweni eentshaba zabo; bagxothwe kukurhashaza kwegqabi eliphetshethwayo, basabe ngathi basaba ikrele, bawe kungekho ubasukelayo;
37 bakhubeke omnye komnye njengaphambi kwekrele, kungekho ubasukelayo. Anisayi kuba nakumisa phambi kweentshaba zenu.
38 Nobhubha phakathi kweentlanga, ilizwe leentshaba zenu linidle.
39 Abaseleyo kuni bongcungcutheka ebugwenxeni babo emazweni eentshaba zenu, nasebugwenxeni booyise, bangcungcutheke benabo.
40 Ukuba ke bathe babuvuma ubugwenxa babo nobugwenxa booyise — ngenxa yokumeneza kwabo, abameneze ngako kum, nangenxa yokuhamba ngokundichasa,