11 Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo,
12 yonke inkunzi entsha, wóyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.
13 Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,
14 saza sazíwa isono aboné ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana.
15 Ocinezela amadoda amakhulu ebandla ngezandla zawo phezu kwentloko yenkunzi entsha leyo, phambi koYehova, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.
16 Umbingeleli othanjisiweyo woyizisa inxalenye yegazi lenkunzi entsha ententeni yokuhlangana;
17 awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane;