1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2 Xa ubani athe wona ngokumeneza, emeneza kuYehova, wayikhanyela kummelwane wakhe into ebibekwe kuye, nokuba yinto esisibambiso, nokuba yinto exhakamfulweyo, nokuba umcudisile ummelwane wakhe,
3 nokuba ufumene into ebidukile wayikhanyela, wafunga ubuxoki ezintweni zonke azenzileyo, esona ngazo:
4 wóthi, xa athe wona, wazeka ityala, ayibuyise loo nto ixhakamfulweyo, abeyixhakamfule, nento ecudisiweyo, abeyicudisile, nento ebekiweyo, ebibekiwe kuye, nento ebidukile wayifumana,
5 nento yonke abeyifungele ubuxoki. Woyibuyekeza ngangenani layo, ongeze phezu kwalo isahlulo sesihlanu salo, ayinike osukuba engumniniyo ngomhla wedini lakhe letyala.
6 Wólizisa idini letyala lakhe kuYehova, kumbingeleli, inkunzi yemvu egqibeleleyo yasempahleni emfutshane, ngokulinganisela kwakho, ibe lidini letyala.
7 Umbingeleli womcamagushela phambi koYehova, axolelwe ke ezintweni zonke azenzileyo, wazeka ityala ngazo.