16 Ukukhululwa komntu ke womkhulula ngokummisela, uthabathela kumntwana onyanga-nye, ngokulinganisela kwakho isilivere yeeshekele* ezintlanu ngokweshekele yengcwele, eziigera* ezimashumi mabini.
17 Kodwa amazibulo eenkomo, namazibulo ezimvu, namazibulo eebhokhwe, akuyi kuwakhulula ngokuwamisela. Angcwele wona; igazi lawo wolitshiza esibingelelweni, uqhumisele ngamanqatha awo; kukudla kwasemlilweni ke oko, livumba elithozamisayo kuYehova.
18 Inyama yawo yoba yeyakho; njengencum yomtshangatshangiso, nanjengomlenze wasekunene, yoba yeyakho.
19 Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.
20 Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
21 Uyabona, oonyana bakaLevi ndibanika zonke izishumi kwaSirayeli, ukuba zibe lilifa, ngenxa yomsebenzi wabo abasebenza wona, umsebenzi wentente yokuhlangana;
22 bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe.