2 Lalingenamanzi ibandla. Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron,
3 babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova!
4 Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu?
5 Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
6 Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.
7 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
8 Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.