18 Waza ukumkani waya ebhotweni lakhe, wabugqiba ubusuku ezila ukudla; àkwaziswa zintombi zingqungqayo phambi kwakhe, waphelelwa bubuthongo.
19 Waza ukumkani wavuka ngesifingo kwakusasa, waya emhadini weengonyama ngobungxamo.
20 Akusondela emhadini, wadanduluka kuDaniyeli ngezwi elibuhlungu. Wasusela ukumkani, wathi kuDaniyeli, Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilileyo, uThixo wakho, obuhlala umbusa, úbe nako na ukukusindisa ezingonyameni?
21 Waza uDaniyeli wathi kukumkani, Kumkani, phila ngonaphakade!
22 UThixo wam uthume isithunywa sakhe, sayivingca imilomo yeengonyama, ukuba zingandenzakalisi, ngenxa enokuba phambi kwakhe kufumaneké ukuba ndimsulwa; naphambi kwakho, kumkani, andonanga.
23 Waza ukumkani wavuya kunene, wathi uDaniyeli makanyuswe emhadini. Wenyuswa ke uDaniyeli. Akwafumaneka nasinye esinzakalo kuye; ngokuba ebekholwe kuThixo wakhe.
24 Ukumkani wayalela, aziswa loo madoda abemncethezile uDaniyeli, bawajulela emhadini weengonyama, wona nabantwana bawo, nabafazi bawo; zaza, bengekafiki nokufika emzantsini womhadi, iingonyama zabagonyamela, zawacola onke amathambo abo.