1 Kwathi ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, yabakho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ke ndibe ndingazanga ndibonakale ndithe khunubembe phambi kwakhe.
2 Wathi ukumkani kum, Kungani na ukuba ubuso bakho bube nje, ukuba bubi, ungafi nje? Le nto bububi bentliziyo, asinto yimbi.
3 Ndoyika ke kakhulu kunene. Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade. Bebungáthini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo?
4 Wathi ukumkani kum, Ùfuna ntoni na ke? Ndathandaza ke kuThixo wamazulu.
5 Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba umkhonzi wakho lo úthe walungisa phambi kwakho, ndinga ungandithuma kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba oobawo, ndiwakhe.
6 Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wòbuya nini na? Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha.
7 Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo,* andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda;