9 Wenza ke uYoshuwa kubo njengoko wathethayo uYehova kuye; amahashe abo wawanqumla imisipha, iinqwelo zabo zokulwa wazitshisa ngomlilo.
10 Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke.
11 Ababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, ayitshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; ayitshisa iHatsore ngomlilo.
12 Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho.
13 Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa.
14 Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo.
15 Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa. Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako.