8 Wenyuka umda ngomfula woonyana bakaHinom, waya egxalabeni lowamaYebhusi ngasezantsi: yiYerusalem ke leyo; wenyuka umda waya encotsheni yentaba ephambi komfula wakwaHinom, ngasentshonalanga, osekupheleni kwentili yamaRafa ngasentla.
9 Wahlaba umda, wathabathela encotsheni yentaba, waya emthonjeni wamanzi aseNefetowa, waphuma waya emizini yasentabeni kaEfron, wahlaba waya eBhahala: yiKiriyati-yeharim ke leyo.
10 Wajika umda eBhahala ngasentshonalanga, waya entabeni yakwaSehire, wegqitha waya egxalabeni leHar-yeharim ngasentla: yiKesalon ke leyo; wehla waya eBheteshemeshe, wegqitha waya eTimna.
11 Waphuma umda waya egxalabeni le-Ekron ngasentla, wahlaba umda waya eShikron, wegqitha waya entabeni yeBhahala, wema ngeYabheneli umda waya wema ngolwandle.
12 Umda wasentshonalanga lulwandle olukhulu nommandla walo. Nguwo lowo umda woonyana bakaYuda ngeenxa zonke, ngokwemizalwane yabo.
13 UKalebhi unyana kaYefune wamnika isabelo phakathi koonyana bakaYuda, ngokutsho kukaYehova kuYoshuwa: umzi ka-Arbha uyise ka-Anaki ngowaseHebron ke lowo,
14 Wabagqogqa apho uKalebhi oonyana bobathathu baka-Anaki, uSheshayi noAhiman noTalemayi, inzalo ka-Anaki.