10 Ngasezantsi laba lelikaEfrayim, ngasentla laba lelikaManase; ulwandle lwaba ngumda wakhe. Baqubisana noAshere ngasentla, baqubisana noIsakare ngasempumalanga.
11 KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.
12 Babengenako oonyana bakaManase akuyihlutha loo mizi; amaKanan akuphikela ukuma kwelo zwe.
13 Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, àbawagqogqa kuphele.
14 Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?
15 Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.
16 Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBheteshehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.