1 UYoshuwa unyana kaNun wesusa amadoda amabini aziintlola, esithi ngasese, Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko.Ahamba ke, aya endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona.
2 Kwathiwa kukumkani waseYeriko, Yabona, kufike apha ebusukunje amadoda avela koonyana bakaSirayeli, eze kuhlola eli lizwe.
3 Wathumela ukumkani waseYeriko kuRahabhi, esithi, Wakhuphe amadoda afikileyo kuwe, angenileyo endlwini yakho; kuba aze kulihlola lonke ilizwe.
4 Yawathabatha loo nkazana loo madoda omabini, yawafihla; yathi, Okunene afikile kum amadoda lawo, andazi ukuba avela ngaphi na;
5 kwathi, ukuvalwa kwesango, kwakuba mnyama, amadoda lawo aphuma; andazi ukuba ayé ngaphi na amadoda lawo; wasukeleni kamsinya, ngokuba nowafumana.
6 Ke yona yayiwanyusele phezu kwendlu, yawaqhusheka ezindizeni zeflakisi,* eyabe izicwangcise phezu kwendlu.