10 Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa.
11 Bakhawuleza abantu, bawela. Kwathi, bakugqiba bonke abantu ukuwela, yegqitha ityeya kaYehova nababingeleli phambi kwabantu.
12 Bawela oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, bexhobile, phambi koonyana bakaSirayeli, njengoko wathethayo uMoses kubo.
13 Ngathi babengamashumi amané amawaka axhobele ukuphuma umkhosi, abaweláyo phambi koYehova, besiya emfazweni, ezinkqantosini zaseYeriko.
14 Ngaloo mhla uYehova wamenza mkhulu uYoshuwa emehlweni amaSirayeli onke; amoyika njengoko abemoyika uMoses yonke imihla yobomi bakhe.
15 Wathi uYehova kuYoshuwa,
16 Bawisele umthetho ababingeleli abathwele ityeya yesingqino, ukuba benyuke baphume eYordan.