24 Bawutshisa umzi ngomlilo, neento zonke ezikuwo; kodwa isilivere, negolide, nempahla yobhedu, neyesinyithi, bayibeka ebuncwaneni bendlu kaYehova.
25 Ke uRahabhi, ihenyukazi, nendlu kayise, nabo bonke abenabo, uYoshuwa wamsindisa; wahlala phakathi kwamaSirayeli unanamhla; ngokuba wabazimezayo abathunywa, abebathumile uYoshuwa ukuba bayihlole iYeriko.
26 Wafunga uYoshuwa ngelo xesha, esithi, Uqalekisiwe phambi koYehova umntu oya kusuka awakhe lo mzi, iYeriko le; wówuseka ngowamazibulo akhe, azimise iingcango zawo ngowamathumbu akhe.
27 UYehova waba noYoshuwa; udumo lwakhe lwaba sezweni lonke.