14 Ize nisondele kusasa ngokwezizwe zenu, isizwe athe wacisha sona uYehova sisondele ngokwezindlu zaso; indlu athe wacisha yona uYehova isondele ngokwamadoda ayo;
15 ithi leyo kucishwe yona inento esingelwe phantsi, itshiswe ngomlilo, nezinto zonke enazo; ngokuba iwugqithile umnqophiso kaYehova, nangokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli.
16 Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso, wawasondeza amaSirayeli ngokwezizwe zawo, kwacishwa isizwe sakwaYuda;
17 wayisondeza imizalwane yakwaYuda, kwacishwa umzalwane wakwaZera; wawusondeza umzalwane wakwaZera ngokwamadoda awo, kwacishwa uZabhedi;
18 wayisondeza indlu yakhe ngokwamadoda ayo, kwacishwa uAkan, unyana kaKarmi, unyana kaZabhedi, unyana kaZera, wesizwe sakwaYuda.
19 Wathi uYoshuwa kuAkan, Nyana wam, mzukise uYehova uThixo kaSirayeli, umdumise; khawundixelele into oyenzileyo; musa ukukhanyela kum.
20 UAkan wamphendula uYoshuwa, wathi, Okunene ndonile kuYehova uThixo kaSirayeli, ndenjenje, ndenjenje: