7 Wathi uYoshuwa, Awu, Nkosi, Yehova, yini na ukuba aba bantu ubaweze iYordan, usinikele esandleni sama-Amori ukuba asibhubhise? Akwaba kanye bekukholekile kuthi ukuhlala phesheya kweYordan!
8 Camagu, Nkosi yam, ndiya kuthini na emveni kokuba amaSirayeli ezinikele ikhosi iintshaba zawo!
9 Aya kuva amaKanan, nabemi bonke belizwe, asirhawule, alicime igama lethu ehlabathini. Wénze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?
10 Wathi uYehova kuYoshuwa, Vuka! Ùweleni na ngobuso?
11 Onile amaSirayeli; ewe, awugqithile umnqophiso wam endawawisela umthetho ngawo; ewe, athabathile entweni esingelwe phantsi; ebile, akhanyele, ewe, ayibeké ezimpahleni zawo.
12 Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithanga itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
13 Vuka, ubangcwalise abantu, uthi, Zingcwaliseleni ingomso; ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Kukho nto isingelwe phantsi phakathi kwakho, Sirayeli; akunako ukuma phambi kweentshaba zakho, nide niyisuse into esingelwe phantsi phakathi kwenu.