17 Akwasala nanye indoda eAyi naseBheteli, engaphumanga iwalandele amaSirayeli; bawushiya umzi uvulekile, bawasukela amaSirayeli.
18 Wathi uYehova kuYoshuwa, wólule umkhonto osesandleni sakho ngakwiAyi; kuba ndiya kuyinikela esandleni sakho. Wawolula ke uYoshuwa umkhonto osesandleni sakhe ngakuwo umzi.
19 Besuka abalaleli ngokukhawuleza endaweni yabo, bagidima; ákusolula isandla sakhe, bangena kuloo mzi, bawuthimba, bangxama, bawufaka isikhuni.
20 Abheka emva kwawo amadoda aseAyi, abona, nango umsi womzi unyuka usiya ezulwini; akaba namandla okusabela ngapha nangapha; bathi abantu ababesabele entlango, babaguqukela ababasukelayo.
21 UYoshuwa namaSirayeli onke abona ukuba abalaleli bawuthimbile umzi, nokuba umsi womzi uyenyuka, babuya ke bawabulala amadoda aseAyi.
22 Baphuma abaya kuloo mzi, beza kubakhawulela; aba phakathi kwabakwaSirayeli, abanye bangapha, abanye bangapha; bawabulala ke kwada akwasala usabileyo, nosindileyo.
23 Bambamba ehleli ukumkani waseAyi, bamsondeza kuYoshuwa.