2 wenzè kwiAyi nokumkani wayo njengoko wenza ngako kwiYeriko nokumkani wayo; kodwa nozithimbela amaxhoba ayo, neenkomo zayo; wòbeka kuloo mzi abalaleli emva kwawo.
3 Wesuka uYoshuwa nabantu bonke bokulwa, wenyuka, waya eAyi. UYoshuwa wanyula amadoda angamagorha anobukroti, angamashumi amathathu amawaka, wawasusa ngobusuku.
4 Wawawisela umthetho, esithi, Yabonani, ningábalaleli kuwo umzi, emva komzi; musani ukuba kude kakhulu kuwo umzi, lungani nonke niphela.
5 Mna ke, nabantu bonke abanam, siya kusondela kuwo umzi. Kothi, bakuphuma basihlangabeze, njengokuyá kokuqala, sisuke sirhole phambi kwabo.
6 Bophuma ke basilandele, side sibarhole kuwo umzi; kuba baya kuthi, Bayasaba phambi kwethu, njengokuyá kokuqala. Siya kurhola ke thina phambi kwabo;
7 nisuke ke nina ekulaleleni kwenu, niwuhluthe umzi. UYehova uThixo wenu uwunikele esandleni senu.
8 Kothi, xenikweni nithe nawuthabatha umzi, niwufake isikhuni, nenze ngokwelizwi likaYehova. Yabonani, ndiniwisele umthetho.