4 Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.
5 Nòsabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
6 Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.
7 Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; àyimini, àyibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
8 Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo; esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
9 UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
10 Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.