6 Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.
7 Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; àyimini, àyibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
8 Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo; esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
9 UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
10 Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.
11 Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.
12 Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi lwakhe emlonyeni wakhe.