1 Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi,
2 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo.
3 Utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyéle iZiyon; ndiya kuhlala ke phakathi kweYerusalem, kuthiwe iYerusalem ngumzi wenyaniso; nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele.
4 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo;
5 zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo.
6 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi.
7 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo.