1 Akwaba ningandinyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! Kodwa noko niyandinyamezela.
2 Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu.
3 Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.
4 Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.
5 Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile* baziincamisa.
6 Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakala kuni phakathi kwabo bonke ngeendawo zonke.
7 Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo?