4 Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela.
5 Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile* baziincamisa.
6 Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakala kuni phakathi kwabo bonke ngeendawo zonke.
7 Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo?
8 Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina.
9 Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakùvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku.
10 Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya.