4 Ùngubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso. Síya kuma ke; kuba uThixo unako ukusimisa.
5 Omnye okunene ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo nalowo makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.
6 Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, engadli nje, wenzela iNkosi, abe ebulela kuThixo.
7 Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo.
8 Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi.
9 Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo.
10 Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? Kuba thina siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu.