6 UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli. Wavuka ke umfana, waya kwakuEli, wathi: “Mhlekazi, uyandibiza. Ndim lo!”Kambe yena uEli wathi: “Hayi, andikubizanga; yiya kulala, mfo wam.”
7 Phofu umfana lo yena wayengekamazi uNdikhoyo; kaloku uNdikhoyo wayengekazityhili kuye ngelizwi lakhe.
8 UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli isihlandlo sesithathu. Wavuka uSamweli, waya kwakuEli, wafika wathi: “Ndim lo, mhlekazi; ubundibiza.”Waqonda ngoku uEli ukuba nguNdikhoyo lo umana ebiza lo mfana.
9 Wathi uEli kuye: “Hamba wena, yiya kulala. Xa ubuye weva ubizwa, uze uthi: ‘Thetha, Ndikhoyo; isicaka sakho siphulapule.’ ” Waya kulala ke uSamweli emandlalweni wakhe.
10 Waza uNdikhoyo weza wema apho, wabiza kwakhona esithi: “Samweli! Samweli!”Wasabela uSamweli wathi: “Thetha; siphulaphule isicaka sakho.”
11 Wathi ke uNdikhoyo kuSamweli: “Uyabona, ndiza kwenza into kwaSirayeli eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva.
12 Umlomo wam ngomzi kaEli ndiza kuwufezekisa ngaloo mini, ndisuse ekuqaleni ndise esiphelweni.