12 UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye.
13 Uya kuba ngaya dolophini ithile, sifike nalapho singamaSirayeli, sithandele ngeentambo, sizitsale ezo ndonga zidilike, ziye kuthi didli ezantsi entilini, kude kungabikho nalinye ilitye apho.”
14 UAbhasalom namadoda onke akwaSirayeli bathi: “Icebo likaHushayi umArki lelona lilungileyo kunelika-Ahitofele.” Yayisisigqibo *sikaNdikhoyo kakade ukuba maliphanze icebo lika-Ahitofele, khon' ukuze aze kuhlelwa lishwangusha uAbhasalom.
15 Usuke apho uHushayi waya kwazisa ooZadoki noAbhiyatare ababingeleli ngeqhinga yena acebise ngalo uAbhasalom namadoda amakhulu akwaSirayeli kwanangelo lalivela kuAhitofele.
16 Uqhube wathi: “Ke ngoko khawulezani nithumele kuDavide, nithi kuye: ‘Uze ungahlali phaya ngakumazibuko asentlango ngobu busuku. Welela ngaphesheya kweJordan, hleze ukumkani nabantu bonke abanaye bacinywe.’ ”
17 UJonatan kunye noAhimazi babehlala belinde kulaa mthombo wase-En-rogele, kuba bekungafuneki babonwe bengena esixekweni. Kwathunywa isicakazana, saya kubaxelela, baza bona baya kwazisa ukumkani uDavide.
18 Kodwa babhaqwa yinkwenkwana eyaya kuxelela uAbhasalom. Bakhawuleza ke bemka kuloo ndawo, baya kuzimela mzini wasemathileni eBhawurim. Kwakukho iqula ngakuloo mzi, baza ke baya kuhlala ngaphakathi kwalo.