16 Uthe uJowabhi makuvuthelwe isigodlo, iphele imfazwe, abuye amadoda awayesukela amaSirayeli.
17 Awuthatha umzimba ka-Abhasalom, awuphosa emngxunyeni omkhulu owawulapho ehlathini, awugqumelela ngemfumba enkulu yamatye. Abaleka onke amaSirayeli, yayileyo indoda yajonga kowayo.
18 Esaphila uAbhasalom wayezenzele ilitye lesikhumbuzo kwiNtili kaKumkani, kuba wayesithi: “Andinanyana oza kuvusa igama lam.” Walithiya ngegama lakhe. Unanamhla oku kusathiwa lilitye lesikhumbuzo lika-Abhasalom ukubizwa kwalo.
19 Emva koko uAhimazi, unyana kaZadoki, wathi kuJowabhi: “Mandikhawuleze ndise kukumkani iindaba zovuyo zokuba *uNdikhoyo umgwebele wamkhulula kwiintshaba zakhe.”
20 UJowabhi wathi kuye: “Hayi, akukho zindaba zovuyo uya kuzisa kukumkani namhlanje. Loo nto uya kuyenza ngenye imini. Kaloku unyana kakumkani ufile.”
21 Waza ke uJowabhi wathi kumfo waseKushe: “Yiya kuxelela ukumkani oko ukubonileyo.” Wakhahlela umKushe, wangena endleleni.
22 UAhimazi unyana kaZadoki waphinda wathi kuJowabhi: “Kungehla okuhlayo, ndiyeke ndingene endleleni emva kwaloo mKushe.”“Kutheni wafuna ukuya ngokwakho kukumkani? Akukho mvuzo aza kukunika wona phofu,” utshilo uJowabhi.