1 Emva koko uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Ndingaya kuhlala na kwesinye sezixeko zakwaJuda?”UNdikhoyo wathi: “Yiya.”Wabuza uDavide wathi: “Mandiye phi?”Wathi uNdikhoyo: “Yiya eHebron.”
2 Wahamba ke uDavide kunye nabafazi bakhe ababini uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli owayengumhlolokazi kaNabhali waseKarmele.
3 Wahamba nawo amadoda akhe uDavide, aya kuhlala neentsapho zawo kummandla waseHebron.
4 Afika ke amadoda akwaJuda, eze kumthambisa uDavide apho eHebron ukuba abe ngukumkani wakwaJuda.Zithe zakufika kuDavide iindaba zokuba abantu baseJabheshe eGiliyadi bamngcwabile uSawule,
5 wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule.
6 Ubenga uNdikhoyo anganiphatha ngobubele nangokunyaniseka. Nam ke ndiza kuniphatha kakuhle ngenxa yale nto niyenzileyo.
7 Ze niqine, ningoyiki ngenxa yokuba inkosi yenu uSawule ingasekho. Abantu bakwaJuda bandithambisile ndaba ngukumkani wabo.”