5 wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule.
6 Ubenga uNdikhoyo anganiphatha ngobubele nangokunyaniseka. Nam ke ndiza kuniphatha kakuhle ngenxa yale nto niyenzileyo.
7 Ze niqine, ningoyiki ngenxa yokuba inkosi yenu uSawule ingasekho. Abantu bakwaJuda bandithambisile ndaba ngukumkani wabo.”
8 Umphathi wemikhosi kaSawule uAbhinere, unyana kaNere, wabaleka nonyana kaSawule uIshbhoshete, waya naye eMahanayim ngaphesheya kweJordan.
9 Wafika apho uAbhinere wamisela uIshbhoshete waba ngukumkani ophethe imimandla yaseGiliyadi, kwa-Ashere, eYizereli, kwaEfrayim, nakwaBhenjamin, nditsho elakwaSirayeli liphela.
10 Waba ngukumkani xa emashumi mane ubudala uIshbhoshete unyana kaSawule, walawula iminyaka yamibini.Isizwe sakwaJuda sona sasiphantsi kukaDavide.
11 Wasilawula ehlala eHebron iminyaka yaba sixhenxe neenyanga ezintandathu.