16 Kwathi xa isithunywa sikaNdikhoyo sasisolula isandla siza kutshabalalisa iJerusalem, uNdikhoyo wazijika iimbono zakhe ngenxa yaloo ntlekele, waza wathi kwisithunywa esasitshabalalisa abantu: “Kwanele! Sirhoxise isandla sakho.” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa sasingakwisanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi.
17 Akusibona uDavide eso sithunywa sasibhubhisa abantu, wathi kuNdikhoyo: “Ndim owonileyo wenza ubugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Isandla sakho masohlwaywe mna kunye nomzi kabawo.”
18 Kwangaloo mini uGadi waya kuDavide, wathi kuye: “Hamba uye kwakhela uNdikhoyo iqonga lamadini esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.”
19 Ngoko ke uDavide waya wayenza loo nto ayiyalelwe nguGadi ngokomlomo kaNdikhoyo.
20 Wathi akukhangela uAravena, wabona ukumkani esiza kuye ehamba namaphakathi akhe. Waphuma uAravena, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi kokumkani.
21 Waza uAravena wathi: “Kungani ukuba ukumkani inkosi yam eze kwisicaka sakhe?”Waphendula ukumkani uDavide wathi: “Ndize kuthenga esaa sanda sokubhula sakwakho, ndize ndakhele kuso uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini.”
22 Wathi uAravena kuDavide: “Inkosi yam ukumkani mayithathe konke okukholekileyo kuyo, yenze idini. Naziya iinkabi zeenkomo zokwenza idini elitshiswayo. Naziya nezileyi zokubhula kunye needyokhwe zokwenziwa iinkuni.