17 Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.
18 Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”
19 Waya nakwaBhenjamin uAbhinere, wawubhekisa nakubo lo mlomo. Usuke apho waya kuDavide eHebron, wamchazela ngeembono zabantu bakwaBhenjamin nabakwaSirayeli.
20 Kwathi akuya eHebron uAbhinere, ehamba namashumi amabini amadoda, beye kuDavide, bafika behlinzekelwe.
21 UAbhinere wathi kuDavide: “Sendikulungele ukuwagayela ngakwicala lakho onke amaSirayeli, mhlekazi, khon' ukuze uvumelane nawo, ube ngukumkani wawo, ulawule phezu kwako konke obe ukade ukunqwenela.” UDavide ke wamndulula uAbhinere, wahamba ngoxolo.
22 Emva koko kwafika amadoda kaDavide, ehamba noJowabhi, evela kunqoloba, eze namaxhoba amaninzi. Wayeselemkile eHebron uAbhinere emva kokundululwa kwakhe ngoxolo nguDavide.
23 Akufika uJowabhi, kunye nomkhosi awayehamba nawo, waxelelwa kwathiwa: “UAbhinere ebeze kubona ukumkani, yaye ukumkani umndulule ngoxolo.”