1 Unyana kaSawule uIshbhoshete waphelelwa ngamandla zakufika iindaba zokuba uAbhinere ufele eHebron, othuka kakhulu namaSirayeli.
2 Ke kaloku uIshbhoshete wayenabafo ababini abaziinkokheli zabanqolobi. Ayezizinto zikaRimon wesizwe sakwaBhenjamin eBheroti. Amagama abo bafo yayinguBhana noRekabhi. IBheroti le ibalelwa kwaBhenjamin.
3 Abemi balapho basabela eGitayim, apho bahlala khona kude kube ngoku bengabangeneleli.
4 UJonatan unyana kaSawule wayenonyana osisiqhwala kwiinyawo zombini. Wayeminyaka mihlanu ukufa kukayise-mkhulu uSawule noJonatan uyise. Kwathi ukufika kodaba lokufa kwabo, luvela eYizereli, yothuka yamfunqula ibaleka ineni yakhe, waphuncuka wawa, kuba kaloku yayingxamile. Waba sisiqhwala ke loo mntwana. Igama lakhe lalinguMefibhoshete.
5 Basuka ke uRekabhi noBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, benjenjeya ukuya kwaIshbhoshete, bafika khona emini emaqanda, ngexesha esangqengqile, ephumle ngokwesiqhelo sakhe emini ngelo xesha.