13 UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa.
14 Wamisa amabutho akhe kulo lonke elase-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
15 Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.
16 UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.
17 Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala.
18 UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengabacebisi bakakumkani.