1 Ke kaloku uRehobhowam waya eShekem, kuba onke amaSirayeli ayeye khona ukuze ammisele abe ngukumkani.
2 Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon.
3 Ewe, bamthumelela uJerobhowam, waza yena noSirayeli ephela baya kuRehobhowam, bathi kuye:
4 “Uyihlo wabeka idyokhwe enzima phezu kwethu. Kambe ke wena xa unokuwenza lula umthwalo ebesiwubekwe nguyihlo, ewe kanye idyokhwe enzima abeyibeke phezu kwethu, sokukhonza.”
5 Ke uRehobhowam wathi: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu abo.