2 Yeziganeko 17 XHO96

UYoshafti ukumkani wakwaJuda

1 Ke uYoshafati unyana ka-Asa wangena esikhundleni sikayise, waza ke wawomeleza umkhosi wakhe ukuze angoyiswa nguSirayeli.

2 Wamisa umkhosi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda; wamisa amabutho kwaJuda nakwiidolophu zakwaEfrayim ezazithinjwe nguyise uAsa.

3 *UNdikhoyo ke waba naye uYoshafati kuba wayehamba ngeendlela uyise awayehamba ngazo kuqala. Wayengabuzisi kooBhali,

4 koko efunana noThixo kayise, ehamba ngemiyalelo yakhe yonke, engazilandeli izenzo zamaSirayeli.

5 UNdikhoyo wawuzinzisa phantsi kwakhe umbuso wakhe, waza wonke uJuda wazisa izipho kuye, waza ke wasisityebi, futhi wahlonelwa.

6 Wayezinikezele ngentliziyo yakhe yonke kwiindlela zikaNdikhoyo; ngaphezu koko ke wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kunye neentsika zika-Ashera kwelakwaJuda.

7 Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya.

8 Ayekhatshwa ngaba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uLabhiya, uTobhiya, noTobhi-adoniya, nababingeleli uElishama noYoram.

9 Babephethe incwadi yomthetho kaNdikhoyo, baza ke bafundisa kulo lonke elakwaJuda, bazijikeleza iidolophu zakhona, bafundisa abantu.

10 Ke kaloku uNdikhoyo watsho wahlonelwa zizo zonke izikumkani zemihlaba ejikeleze uJuda, ngaloo ndlela ke akwabikho sizwe sikathaza uYoshafati ngemfazwe.

11 AmaFilistiya athile arhuma ngezipho nangesiliva, aza ama-Arabhu amzisela imihlambi: amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eebhokhwe.

12 UYoshafati waya esomelela ngokomelela. Wakha iinqaba nezixeko ezingoovimba kwaJuda,

13 kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem.

14 Nalu uludwe lwawo ngokwemilibo:KwaJuda: iingqwayi-ngqwayi zamabutho:uAdena ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamakhulu amathathu amawaka;

15 kulandele uYohanan ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo;

16 kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.

17 KwaBhenjamin:uEliyada, igorha lomfo owayenamajoni axhobe ngeentolo namakhaka – amawaka angamakhulu amabini;

18 kulandele uYozabhadi enamajoni axhobele imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo lamawaka.

19 La ke ngamadoda awayesebenzela ukumkani, ngaphandle kwalawo awayehlaliswa kwizixeko ezinqatyisiweyo kulo lonke elakwaJuda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36