2 Yeziganeko 3 XHO96

USolomon wakha indlu kaThixo

1 Ke kaloku uSolomon waqalisa ukuyakha indlu *kaNdikhoyo eJerusalem kwintaba iMoriya, apho uNdikhoyo wayebonakele khona kuyise uDavide. Kwakuloo ndawo yalungiselelwa nguDavide esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

2 Ke ukwakha oko wakuqala ngomhla wesibini kwinyanga yesibini ngonyaka wakhe wesine engukumkani.

3 Isiseko sendlu kaThixo eyakhiwe nguSolomon sasiziimitha ezingamashumi amabini anesixhenxe ubude, siziimitha ezilithoba ububanzi.

4 Ke yona ivaranda phambili phaya yayiziimitha ezilithoba ububanzi, ukuphakama kuziimitha ezingamashumi amahlanu anane. Umphakathi lo ke wona wawutyatyekwe ngegolide.

5 Igumbi elikhulu laloo ndlu walaleka ngompayini, walityabeka ngegolide, walihombisa ngemifanekiso yamasundu nemixokelelwana.

6 Ewe, indlu kaThixo wayihombisa ngamatye axabisekileyo. Wayesebenzisa igolide yasePavayim.

7 Imiqadi, imigubasi, iindonga, neengcango, zonke wazityabeka ngegolide; ezindongeni wakrola *izithunywa ezimaphiko.

8 Walakha negumbi eliyingcwele kangcwele. Ubude balo babulingana nobubanzi bendlu iyonke, liziimitha ezilithoba ubude nobubanzi. Iindonga zalo wazityabeka ngegolide engaphezu kweetoni ezingamashumi amabini.

9 Izikhonkwane zegolide ezazisetyenziswa zazinobunzima obungamakhulu amahlanu anamashumi asixhenxe eegram. Kananjalo namagumbi aphezulu wawatyabeka kwangegolide.

10 Ngaphakathi apho kwigumbi eliyingcwele kangcwele wakrola izithunywa ezimaphiko zazibini, wazityabeka ngegolide.

11-12 Iphiko ngalinye lezo zithunywa laliziimitha ezimbini ezinekota ubude balo. Isithunywa ngasinye sasithe naa amaphiko, elinye ke iphiko lirhece udonga lwendlu leyo; kanti ke amabini amaphiko kwezo zithunywa ayerhecana.

13 Amaphiko ezi zithunywa ayethathe umgama oziimitha ezilithoba. Zazimi ngeenyawo, zikhangele ngaphakathi.

14 Umkhusane wawenza ngelaphu eliluhlaza, nelimsobo, nelimfusa, waza wawuhombisa ngemifanekiso ethungiweyo yezithunywa ezimaphiko.

Iintsika ezimbini

15 Phambi kwendlu leyo wamisa iintsika ezimbini, nganye kuzo iziimitha ezilishumi elinesihlanu ezinesiqingatha ubude. Intsika nganye yayinentloko ekuphakama kuziimitha ezimbini ezinekota.

16 Wenza nemixokelelwana ephotheneyo, wayithi cwa kwezo ntloko zezo ntsika. Kuloo mxokelelwano wanxibelela iirharnathi ezilikhulu.

17 Ezo ntsika wazimisa apho phambi kwendlu kaThixo, enye ngezantsi enye ngasentla. Le ingezantsi kwathiwa nguJakin, le ingentla yona kwathiwa nguBhowazi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36