2 Yeziganeko 21 XHO96

1 Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena uYehoram unyana wakhe.

UYehoram ukumkani wakwaJuda

2 Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli.

3 Uyise wabanika intaphane yezipho: isiliva, igolide, nezinto ezixabisekileyo, kananjalo nezixeko ezinqatyisiweyo kwelakwaJuda. Kambe ke wona umbuso wawunika uYehoram, kuba kaloku wayengunyana wamazibulo.

4 Akuba ezinzile embusweni kayise uYehoram wababulala bonke abantakwabo ndawonye namatshawe athile akwaSirayeli.

5 Ukuqala kwakhe ukulawula uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo.

6 Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo.

7 Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.

8 Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani.

9 Ngoko ke uYehoram waya khona namaphakathi akhe, nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku waphuncuka.

10 Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda.Kwangelo xesha neLibhena yenza uvukelo, kuba kaloku uYehoram wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise,

11 kananjalo wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo kwiinduli zakwaJuda, abantu baseJerusalem wabafaka kumkhwa wobuhenyu. Ewe, wamlahlekisa uJuda.

12 UYehoram wafumana ileta evela *kumshumayeli uEliya isithi: “UNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide uthi: ‘Wena akuhambanga ngeendlela zikayihlo uYoshafati okanye uAsa ukumkani wakwaJuda,

13 koko usuke wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli. UJuda nabantu baseJerusalem ubakhokelele kumkhwa wobuhenyu, njengoko yenzayo indlu ka-Ahabhi. Kananjalo ubabulele abantakwenu, usapho lwendlu kayihlo, amadoda ebengcono kunawe.

14 Ngoku ke uNdikhoyo uza kubetha kubantu bakho, oonyana bakho, abafazi bakho, nayo yonke into eyeyakho; ewe, uya kutsho ngesithonga esinzima.

15 Wena kanye uza kuhliwa luzenge-zenge lwesifo sezibilini; ewe, eso sifo siya kuzikhupha izibilini zakho.’ ”

16 Ke uNdikhoyo uYehoram wamxhokonxela amaFilistiya nama-Arabhu awayehlala ngakumaKushe.

17 Bamhlasela uJuda, batyhoboza, baza bazithatha zonke izinto ezixabisekileyo ezafumaneka ebhotwe, ndawonye nabafazi bakakumkani noonyana. Akusalanga namnye unyana ngaphandle kwephelo lakhe uAhaziya.

18 Kamva ke uNdikhoyo wabetha uYehoram ngesifo sezibilini esinganyangekiyo.

19 Ethubeni, ekupheleni konyaka wesibini, izibilini zakhe zaphuma ngenxa yeso sifo, waza wafela entlungwini emangalisayo. Abantu bakhe ke abazange bamzilele ngomlilo njengoko babenzile kooyise.

20 Ekungeneni kwakhe embusweni uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka esibhozo. Ekuswelekeni kwakhe akukho mntu waba buhlungu, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, kodwa ke kungekho kumangcwaba ookumkani.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36