2 Yeziganeko 9 XHO96

Ukumkanikazi waseShebha utyelela uSolomon

1 Uthe ke ukumkanikazi waseShebha akuluva udumo lukaSolomon waya eJerusalem ngeenjongo zokukhe amvavanye ngemibuzo enzima. Wafika enehlokondiba lamaphakathi kunye negquba leenkamela zithwele izinongo, nento eninzi yegolide, namatye axabisekileyo, waza waya kuSolomon wathetha naye ngazo zonke izinto ezazisengqondweni yakhe.

2 Ke uSolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe; ayikho into eyamxakayo kwiingcaciso awayezifuna.

3 Ukumkanikazi waseShebha akububona ubulumko bukaSolomon, ebona nelo bhotwe wayelakhile,

4 nokutya okusetafileni yakhe, naloo maphakathi akhe, nendlela ahlaliswe ngayo, nezicaka ziwunduzelisa ngeminweba, nabangcamli bevathe ezabo, naloo madini atshiswayo wayewenza endlwini *kaNdikhoyo, wasuka wee khumnqa.

5 Wathi kukumkani: “Ingxelo endiyive kwelakowethu mayela nempumelelo yakho ndawonye nobulumko bakho kuthe kanti yinyani.

6 Kambe ke zange ndiyikholelwe into ababeyithetha de ndazibonela ngala wam amehlo. Ngenene mayela nobukhulu nobulumko bakho andixelelwanga nesiqingatha esi; wena ukude lee kwingxelo endandiyifumene.

7 Anoyolo amadoda akwakho! Anenyhweba amaphakathi akho asoloko ekuququzelela esiva nobu bulumko bakho!

8 Makabongwe uNdikhoyo uThixo wakho, yena ukholisekileyo nguwe waza wakubeka esihlalweni ukuze ulawule esikhundleni sakhe. UThixo wakho uyamthanda uSirayeli, yaye ke ufuna ukumxhasa naphakade, kungoko ke amise wena ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli ukuze uzinzise umthetho nobulungisa.”

9 Ke ukumkanikazi waseShebha wanika uSolomon igolide ebunzima bungaphezu kweekhilogram ezingamawaka amane, kunye nentaphane yezinongo, namatye exabiso. Ezingako zona izinongo azizange zibekho njengezo zanikwa ukumkani uSolomon ngukumkanikazi waseShebha.

10 Ke amadoda kaHiram nalawo kaSolomon eza negolide eOfire, kunye nomthi wom-algumi namatye exabiso.

11 Ngaloo mthi wom-algumi ke ukumkani wenza amanqwanqwa okungena endlwini kaNdikhoyo nakwibhotwe lakhe, waza ngenxalenye yawo wenzela iimvumi iihapu nemirhubhe. Ezinjalo zazingazange zabakho kwaJuda.

12 Ukumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha konke awayekunqwenela nawayekucela; wamnika nangaphezu kwezinto awayeze nazo kuye. Ke ukumkanikazi lowo ekunye namaphakathi akhe bajika babuyela kwelakowabo.

Ubutyebi bukaSolomon

13 Minyaka le ukumkani uSolomon wayefumana igolide ebunzima bukwisithuba samashumi amabini anantathu amawaka eekhilogram,

14 ngaphandle kwengeniso eyayisiza nabarhwebi nabashishini. Kananjalo ookumkani belama-Arabhu nabalawuli belizwe elo baberhuma ngegolide nesiliva kuSolomon.

15 Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka amakhulu. Ikhaka ngalinye lalityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezisixhenxe.

16 Wenza namakhaka amancinci angamakhulu amathathu, ngalinye kuwo lityatyekwe ngegolide ekhandiweyo ebunzima bukwisithuba seekhilogram ezimbini. Ke ukumkani wawabeka kwibhotwe elibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon.

17 Ukumkani wenza isihlalo sobukhosi. Sasisikhulu, sihonjiswe ngamabamba eendlovu, sityatyekwe ngegolide ecwengileyo.

18 Esi sihlalo sasinamanqwanqwa okunyuka amathandathu kunye nendawo yokubeka iinyawo eyenziwe ngegolide ithe nca kwalapho kuwo. Macala eso sihlalo sasineendawo zokubeka iingalo, kananjalo kukho nemifanekiso emibini yeengonyama isiphahlile.

19 Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.

20 Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, kananjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

21 Ukumkani wayeneqela leenqanawa zokurhweba ezaziqhutywa ngamadoda akwaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.

22 Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi.

23 Bonke ookumkani bamazwe babefuna amacebo kuSolomon ukuze beve ubulumko abunikwe nguThixo.

24 Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.

25 USolomon wayenezitali zamahashe neenqwelo ezingamawaka amane, enamahashe angamawaka alishumi elinambini, awayewagcina kwizixeko zeenqwelo nakwakhe eJerusalem.

26 Xa bebonke ookumkani wayebalawula ukususela kumlambo iEfrati kuye kwelamaFilistiya, kuthi xhaxhe ngomda weJiputa.

27 Ke ukumkani lo isiliva wayenza yaxhaphaka eJerusalem oku kwamatye, umsedare wamninzi njengomthombe esihlanjeni.

28 USolomon amahashe wayewazuza eJiputa nakuwo onke amanye amazwe.

Ukufa kukaSolomon

29 Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon ukususela ekuqalekeni kude kuye esiphelweni, nâzo kwincwadi yeembali zomshumayeli uNatan, nakwiintshumayelo zika-Ahiya waseShilo, ngokunjalo nakwimibono kaYedi imboni echaza nangoJerobhowam unyana kaNebhati.

30 Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem.

31 Waza ke waya kuphumla kooyise, wangcwatywa kwisixeko sikayise uDavide. URehobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36